Ndikuphendule歌词由Bonga Kwana&DrumPope演唱,出自专辑《Ndikuphendule》,下面是《Ndikuphendule》完整版歌词!
Ndikuphendule歌词完整版
Ndiyakubona
Ndibon’ukub’uyandifuna nawe
Kodwa, s’thandwa sam
Intliziyo yakho iyakrokra
Ingaba yintoni
Yintoni, bambo lwam oyidingayo
Ukuz’ubon’ukuthi andiyi ndawo
Ingaba yintoni
Chorus:
Iintandabuzo zakho
Zimi endleleni yothando lwethu
Buza le mibuz’unayo
Ndikuphendule
Iintandabuzo zakho
Zimi endleleni yothando lwethu
Buza le mibuz’unayo
Ndikuphendule
Ngoba kuwe
Ndafunga intembeko nothando
Ndafung’ukunyaniseka amaxesha onke
Buza le mibuz’unayo ndikuphendule
Ndikuphendule (buza le mibuz’unayo)
Ndikuphendule (buza le mibuz’unayo)
Ndikuphendule (buza le mibuz’unayo)
Le mibuz’unayo ndikuphendule
Beka phantsi izixhobo, mntan’omumntu
Ukuze sithandane ingathi siyaqala
Ndineemibono ngathi sesitshata
Kuphinde kuthi qatha
La mini yokuqala
Sibuza’amagama
Sizam’ukwazana
Kuphinde kuthi qatha
La mini yokuqala
Sibuza’amagama
Sizam’ukwazana
Sihlek’isiqhazalo
Forget ezayizolo
Yena nguye lo!
Luvuyo, lolonwabo, yimigcobo
Kukuthembeka, nonyaniseka, nozinikela
Isiseko seli khaya
Buza le mibuz’unayo
Chorus:
Iintandabuzo zakho
Zimi endleleni yothando lwethu
Buza le mibuz’unayo
Ndikuphendule
Iintandabuzo zakho
Zimi endleleni yothando lwethu
Buza le mibuz’unayo
Ndikuphendule
Ngoba kuwe
Ndafunga intembeko nothando
Ndafung’ukunyaniseka amaxesha onke
Buza le mibuz’unayo ndikuphendule
Ndafunga intembeko nothando
Ndafung’ukunyaniseka amaxesha onke
Buza le mibuz’unayo ndikuphendule
Ooh, ndikuphendule (buza le mibuz’unayo)
Ndikuphendule (buza le mibuz’unayo)
Ndikuphendule (buza le mibuz’unayo)
Le mibuz’unayo ndikuphendule